Education, Local

Inkqubo yokufunda imathematika ngolwimi lwenkobe isungulwa ukuxhasa ukufunda okusezantsi  kwizikolo zaseMzantsi Afrika  

Shirmika Govender
7 months ago

Intsebenziswano phakathi kweMatific, iSebe leMfundo laseMpuma Koloni kunye neClick  Learning izisa amava okufunda imathematika ngesiXhosa ukomeleza izakhono zokubala  ezisisiseko kumagumbi okufundela aseMzantsi Afrika 

5 uMeyi 2026, eKapa – Inkqubo yemfundo yaseMzantsi Afrika iyaqhubeka nokujongana nengxaki  enzulu yokufunda okusezantsi, apho kuphela abafundi aba-3 kwabali-10 kumabanga asezantsi  abakwazi ukufunda kwinqanaba elilindelekileyo. Imingeni yolwimi ayikatshintshi, kwaye ngoku  ixhomekeke ngakumbi ekusebenzeni kwizifundo ezifana nemathematika, apho ukuqonda kudlala  indima ebalulekileyo. 

IsiXhosa yenye yeelwimi zasekhaya ezithethwa kakhulu eMzantsi Afrika, esetyenziswa malunga  ne-16% ukuya kuma-20% abafundi. Nangona amanani ehluka, sisalulwimi oluphambili  lokufundisa kwizigidi zabantwana, ngakumbi eMpuma Koloni naseNtshona Koloni. Ukuphendula koku, iphulo elitsha lazisa ukufunda imathematika ngedijithali ngesiXhosa  kumagumbi okufundela aseMpuma Koloni, ngenjongo yokuphucula ukuqonda kweengqiqo  ngokufundisa ngeelwimi abafundi abazazi kakuhle. 

Le nkqubo iphuhliswa ngentsebenziswano neMatific, iqonga lehlabathi lokufunda imathematika  ngedijithali, kunye neSebe leMfundo laseMpuma Koloni neClick Learning, umbutho ongenzi  nzuzo ogxile ekuphuculeni iziphumo zokufunda ezisisiseko usebenzisa itekhnoloji yemfundo. 

Ukuqaliswa kwale nkqubo kudibanisa: 

● umxholo wedijithali ohambelana nekharityhulam 

● iimpawu zokufikelela ezisebenzisa ilizwi 

● iziseko zolwimi ezixhaswa yi-AI 

● kunye nemodeli yokuphunyezwa ehleliweyo eyilelwe ukusetyenziswa ngenene eklasini 

Oku kubonisa ukuzibophelela ekuphuculeni iziphumo zokufunda kumabanga asezantsi  ngokwenza imathematika ifikeleleke ngakumbi ngolwimi lwenkobe. 

Ulwimi lwesiXhosa olusetyenzisiweyo kule nkqubo luvunywe yiPan South African Language Board  (PanSALB), nto leyo eqinisekisa ukuhambelana nemigangatho kazwelonke kunye  nokusetyenziswa kolwimi olusemgangathweni kwimfundo karhulumente. 

Ukuqaliswa kuhambelana nokugxila okukhulayo eMzantsi Afrika kwiilwimi ezininzi kunye  neMother Tongue-based Bilingual Education (MTbBE), kwaye sele kuqale ngepilot kwizikolo  ezikhethiweyo ngoEpreli 2026, ngenjongo yokuphucula indlela yokuphunyezwa ngaphambi kokwandiswa.

Oku kuya kulandelwa kukuqaliswa ngokwezigaba kwezinye izikolo, kusetyenziswa izifundo  ezifunyenwe ekuqaleni ukuphucula indlela yokunikezelwa. 

“Ukugxila koMzantsi Afrika ekufundeni ngeelwimi ezininzi lithuba elinamandla lokuqinisa  iziphumo zokubala ezisisiseko,” utshilo uCraig Shotland, CEO yeMatific. “Ngokwenza iMatific  ifumaneke ngesiXhosa ngelixa sigcina indlela yokufundisa kunye nokuhambelana nekharityhulam, sinceda abafundi abaninzi ukuba baqonde imathematika ngolwimi abalwaziyo,  ngelixa sixhasa ootitshala ngezixhobo ezicwangcisiweyo nezisekelwe kwidatha.” 

Indlela esekelwe kulwazi lwasekuhlaleni yokuphunyezwa okunokwandiswa ezikolweni Amava esiXhosa aphuhliswe ukuqinisekisa ukuhambelana neemfuno zekharityhulam kunye  nokusebenza kakuhle kumagumbi okufundela. 

ISebe leMfundo laseMpuma Koloni liguqulele imisebenzi yabafundi kwisiXhosa kwaye laxhasa  ukuhambelana nekharityhulam, iClick Learning ikhokele ukwaziswa ezikolweni ngenkqubo  ehleliweyo, iziseko zobuchwepheshe kunye nokubeka esweni okuqhubekayo, logama iMatific  ibonelela ngeqonga elisekelwe kubugcisa bokufundisa kunye neziseko zolwimi ezikumgangatho  ophezulu ezinokwandiswa kwezinye iilwimi. 

Oku kwakhela kumava aqinisekisiweyo eMatific eMzantsi Afrika ngeClick Learning, apho iqonga  libonise ukubandakanyeka okuqinileyo kwabafundi kumaphondo amathathu. 

“Eli linyathelo elibalulekileyo phambili ngendlela esinikezela ngayo ngemfundo yezibalo  eMzantsi Afrika,” utshilo uDylan Harrison, COO weClick Learning. “Nangona abafundi befunda  ngolwimi lwabo lwenkobe, kusekho ukunqongophala kwezixhobo zemathematika  ezikumgangatho ophezulu kwiilwimi zaseAfrika. Le nkqubo ivumela ukusetyenziswa kwe-edtech  eyenzelwe umntu ngamnye ngesiXhosa, enceda abafundi baqonde imathematika ngendlela  efikeleleka lula nenxulumene nenqanaba labo. 

Kuthi, ingqwalasela ayikho nje kwisixhobo, kodwa kwindlela esidibanisa ngayo kwinkqubo  ehleliweyo esebenza kakuhle kwinkqubo yemfundo kwaye esebenzayo ngenene kumagumbi  okufundela kwinqanaba elikhulu.” 

Indlela i-AI kunye namava eWhatsApp eyandisa ngayo inkxaso ngaphaya kweklasi Iimpawu ze-AI zeMatific zinceda ootitshala basebenzise idatha yabafundi kwaye baqinise  unxibelelwano neentsapho. Le nkqubo ikwasebenzisa izixhobo zedijithali ezifikeleleka lula  ukuxhasa ootitshala nokugcina abafundi bebandakanyekile nangaphandle kweklasi, kuquka  amaqonga aqhelekileyo afana neWhatsApp. 

Le ndlela ibeka itekhnoloji njengesixhobo sokwandisa amandla ootitshala neenkqubo zemfundo,  kunokuba ibe sisombululo esizimeleyo.

Ikamva: imodeli enokwandiswa yemfundo yeelwimi ezininzi  

Eli phulo libonisa amathuba okubanzi okuphucula iziphumo zokufunda eMzantsi Afrika  ngokwenza imfundo ifikeleleke ngakumbi ngeelwimi zasekhaya zabafundi. Nangona ukuqaliswa kugxile kwisiXhosa, umbono wexesha elide kukwandisa le ndlela kwezinye  iilwimi zaseAfrika, ukunceda abafundi abaninzi baqonde imathematika ngendlela evakalayo,  efanelekileyo, nenxulumene nobomi babo. 

Ngokugxila okuqhubekayo kwiimfuno zokufunda ezisisiseko, amaphulo afana neli anika inyathelo  elibonakalayo lokwakha amagumbi okufundela aquka wonke umntu kwaye asebenzayo  ngakumbi. Ngolwazi oluthe vetshe ngokuqaliswa kwenkqubo, ndwendwela www.matific.com

Did this story inform, inspire or affect you?

Do not let important community news stop with you. Share this article with two friends, relatives or neighbours and help more people stay informed about what is happening in Orange Farm and surrounding areas.

Follow Orange Farm News for trusted local reporting, community voices, breaking news and stories that matter.

Like it. Share it. Talk about it.

Join us on:

Together, we keep our community informed and connected.

Read more stories by

Shirmika Govender
Related Stories
  • From nominee to winner: Abel claims Kasi Heroes Award
    37 minutes ago
  • NSFAS board approves budget shift for outstanding student allowances
    8 hours ago
  • Orange Farm spaza shop owners receive support to comply with municipal bylaws
    1 day ago
  • Orange Soil puts unused land to work in fight against hunger in Orange Farm
    1 day ago

More stories like this

  • Education
    Department of Basic Education outlines ways to protect learners over school break
    2 days ago
  • Local
    Initiation season begins amid reports of missing children in Orange Farm
    5 days ago
  • Local
    Initiation season opens with warning over illegal schools
    6 days ago